USAID DEC
Ungazigcina kanjani usempilweni Umyalezo wabantu abanikeza inkathalo: Ukuthetha nomntwana wakho malunga nemeko yakhe kunganzima.
2013 · 24 pages

Abstract
Le ncwadana yabhalwa ukunceda ukuba wenze oko. Ngaphambi kokuba usebenzise le ncwadana, zama ukuthetha nomntwana wakho malunga nempilo yakhe kwaye ubuze ukuba akukho mibuzo na. Ungathetha nomntwana wakho naxeshani xa ninodwa nobabini, umzekelo, xa usiya eklinikhi, usenza umsebenzi endlini okanye usiya esikolweni. Kubalulekile wenze ingxoxo yakho ibonakale izizela kwaye ingabingathi yinto yelo xesha kanye nje. Le ncwadana kufuneke isetyenziswe njengenye yenxalenye yengxoxo yakho nomntwana wakho malunga nempilo. Le ncwadi ibhalelwe ukuba isetyenziswe nabantwana abakwiminyaka ephakathi kuka-1 okanye kwisi-2 seminyaka ukuya kwiminyaka emi-6. Kule minyaka, abantwana bangabuza imibuzo emininzi ukuba kutheni besiya eklinikhi. Phendula le mibuzo kangangoko unako kwaye unike umntwana wakho ilungelo ukuba abuze nokuba ngomphi umbuzo ngoku besakhula. Ukuba Ungazigcina Njani useMpilweni yeyokuqala kwiqela leencwadi ezine. Ezinye iincwadi kwiqela ziquka • Ukwazi Ngesiqu Sam, incwadana 2 • Ukuphila uBomi beMpilo, incwadana 3 • Ukuthetha Nabantwana Abasakhulayo, isikhokhelo semibuzo neempendulo sabantwanana abaphila neHIV Khumbula, indlela obamba ngayo ezi ngxoxo nomntwana wakho kumnceda ukuba azive ekhululeke kakhulu ukuphila nalo meko. Ukumamela kwaye nokuthamba kuza kunceda umntwana wakho ukuba afunde angaphila njani kakuhle. 3 Le ncwadana imalunga nokuba ungazigcina njani usempilweni. Ndifuna ubesempilweni kangangoko unako. Oonesi, oogqirha, kunye nabacebisi eklinikhi nabo bafuna uphile. Uyafuna ukomelela kwaye ubesempilweni? 4 Siya eklinikhi ukuyohlola impilo yakho. 5 Oonesi kunye noogqirha bafuna ukunceda ngokuqinisekisa ukuba uphilile kwaye womelele. Baza kuthatha igazi lakho kwaye bajonge ukuba uphilile. 6 Ayilotyala lakho ukuba ubenale meko. Abanye abantwana bazalwa nayo abanye bayifumana ngezinye iindlela. Ngamanye amaxesha imeko ingakwenza ungaziva umnandi, kodwa abantu abaninzi abanale meko baziva bephilile amaxesha amaninzi. Unemeko. Awunako ukuyibona le meko kuba isegazini lakho. 7 Le meko iya kusoloko isegazini lakho. U
Connected topics
Classification