USAID DEC
Isikhokelo sooTitshala somjikelo weeveki ezimbini Isikhokelo sooTitshala somjikelo weeveki ezimbini siyiliwe yiWordworks ngumbutho ongenzi nzuzo owasekwa ngowama-2005 ukuxhasa uphuhliso lolwimi olusisiseko kunye nokufunda nokubhala.
2019 · 112 pages

Abstract
Inkqubo yayo iStellar iyiliwe yiWordworks ukuxhasa ootitshala beBanga R kwindima yabo eb integration yokufundisa ulwimi nesiseko sokufunda nokubhala. Sijolise kwiBanga R ngoba ubungqina bubonisa ukuba isakhono solwimi olusisiseko noluluqilima sixhasa ukufunda okulandelayo ekuhambeni kwexesha. Uphuhliso lolwimi olusisiseko nokufunda nokubhala Ukuze ube nako ukufunda nokubhala, abantwana badinga amathuba okwakha ulwazi lwabo nokuqonda kwizinto ezimbini ezingundoqo. Izakhono zolwimi (ukumamela, ukuthetha, isigama nokuqonda) ziningiweyo kwenye inkqubo kaStellar. Abantwana badinga amathuba amaninzi okubona indlela ekusebenza ngayo ukufunda nokubhala, kunye nendlela le imigaqo iza kuboniswa ngayo ngootitshala. Kufuneka bafunde baze bonwabele iincwadi, basebenzise ukuzoba kunye nokubhala okusisiseko besabelana ngezimvo zabo. Inkqubo yethu IStellar inikeza izimvo zethiyori nezenzekayo ukunceda ukwakha ulwimi olutyebileyo eklasini oluxhasa uphuhliso lokufunda nokubhala okusisiseko. Inkqubo iyiliwe emva koko yahlaziywa ngokwengxelo evela kootitshala nabaqeqeshi beBanga R. Imathiriyeli yeklasi kaStellar Esi sikhokelo sooTitshala sesinye seseti yezikhokelo zokufundisa uLwimi lwaseKhaya, ngasinye ‘sibonisa’ ibali elitsha! Isikhokelo sooTitshala ngasinye sinenkqubo yeeveki ezimbini zomsebenzi odityanisiweyo wokufundisa ulwimi lwaseKhaya kwiklasi yeBanga R yonke imihla. Isikhokelo sooTitshala seentlanganiso zabazali siyakunceda ukuba uncdeise abazali ekuxhaseni ukufundwa kolwimi ekhaya. Uqeqesho leStellar uqeqesho lootitshala kwinkqubo kaStellar, kukho iseti yeencwadi zomsebenzi olubonisa zonke izinto ezahlukeneyo zenkqubo ngelixa ungena nzulu ekuqondeni ukubaluleka kwento nganye. Ukwaziswa kuStellar Imisebenzi yahlulwe yaba ngamacandelo amathathu, icandelo ngalinye linentshayelelo yalo: 1. Imisebenzi yoonobumba nezandi, 2. Imisebenzi esekelwe ebalini, 3. Imisebenzi yamaqela atshintshanayo. Njengoko ulungiselela ukufundisa umjikelo weeveki ezimbini, qala ngesiCwangciso seeveki ezimbini (esikwiphepha le-22) Yalathisa yonke imisebenzi oza kuyenza, yonke imihla, iiveki ezimbini. Ukuba ulandela isicwangciso, uya kube uqukumbela yonke into oyidingayo yokufundisa uLwimi lwaseKhaya ngendlela yeCAPS. Abantwana baza kufumana ngokulinganayo imisebenzi yeklasi yonke neyamaqela, eminye yayo baya kuzenzela bodwa ngaph
Connected topics
Classification