USAID
Ukuphila uBomi beMpilo linjwa ngokuthetha umntwana wakho ngeHIV.
2013 · 16 pages

Abstract
Le ncwadana iza kukunceda uthethe nomntwana wakho emva kokuba efundile ngokuba ne-HIV. Le ncwadana yinxalenye yeentetha eziqhelekile oza kubanazo nomntwana wakho. Ingasetyenziswa kubantwana abangaphezulu kweminyaka eli-9 ubudala. Xa ulungele ukuthetha nomntwana wakho, zama ukuqinisekisa ukuba ukwindawo okhululeke kuyo kwaye nendawo yabucala. Ungacinga ukuba wakuxelela umntwana wakho ngeHIV, kukuphela kwebali. Kodwa bantwana banganeminye imibuzo evelayo emva kokuba benexesha lokucinga ngabakuvileyo. Khumbula, kulungile xa umtwana wakho ebuza eminye imibuzo ngoko na-ngoko. Kulungile ngamanye amaxesha xa umntwana wakho ebbonakala onwabile kwaye ngamanye abonakale ecaphukile, esoyika okanye ethule. Zonke ezi zimvakalelo zeziqhelekileyo yaye abantwana abaninzi abahamba phantsi kwazo bakuva ngeHIV. Into ebaluleke kakhulu kukuba umvumele umntwana wakho abuze imibuzo kwaye umnike inkxaso ayidingayo. Xelela umntwana wakho ngoko na-ngoko ukuba iHIV ayilotyala lamntu. Ukuphila uBomi beMpilo yincwadana yesithathu kwiqela lencwadana ezine. Ezinye iincwadana ezikwiqela ziquka u: Ungazigcina Njani useMpilweni, incwadana 1; Ukwazi Ngesiqu Sam, incwadana 2; Ukuthetha Nabantwana Abasakhulayo, isikhokhelo semibuzo neempendulo zabantwana abaphila ne-HIV. Abacebisi, oonesi, kunye noogqirha eklinikhi baza kubalapho ukunceda ekuphenduleni imibuzo onayo kwaye bakunike iinkcukaca ukuba uyazidinga. Ukuphila uBomi beMpilo linjwa ngokuthetha umntwana wakho ngeHIV, ukunceda uthethe nomntwana wakho, nezinga lezo zinto zokubanazo nomntwana wakho. Ngamanye amaxesha xa abantwana besiva ukuba bane HIV, babalusizi, boyike, okanye babenomsindo. Ngamanye amaxesha, bangangathandi ukuthetha okanye badlale nabahlobo. Konke oku kulungile. Ukuba uziva uphantsi, eyona nto ebaluleke kakhulu kukuthetha nam okanye omnye umntu ngokuba uziva njani. Wakhe waziva umoya wakho uphantsi okanye wakhe wadinga ukuthetha nomntu? Ukuphila uBomi beMpilo linjwa ngokukhuluma ngesiqu sakho. Kunganzima ukuqhubeka nesikolo okanye ezinye izinto emveni kokuba uve ngokuba ne-HIV. Ukhe uzive unomahluko kwabanye abantwana esikolweni? Khumbula, yonke into isafana nakuqala. Ungadlala imidlalo, ubenabahlobo, kwaye ufumane umsebenzi kwaye utshate ngenye imini. Into ebalulekileyo ngoku kukuba wazi ngesiqu sakho. Ukuphila uBomi beMpilo linjwa ngokuthetha umntwana wakho ngeHIV, ukunceda uthethe nomntwana wakho, nezinga lezo zinto zokubanazo nomntwana wakho.
Connected topics
Classification
USAID DEC