USAID DEC
Ilokhwe eluhlaza Ukuxhaswa kokuphuhla kolwimi kunye nokufundisa ukufunda nokubhala kwiBanga R Inkqubo yelitherasi yabantwana abancinci ka IWordworks ngumbutho ongenzi nzuzo owasekwa ngowama-2005 ukuxhasa uphuhliso lolwimi olusisiseko kunye nokufunda nokubhala.
2019 · 104 pages

Abstract
Inkqubo iStellar yayilwa yiWordworks ukuxhasa ootitshala beBanga R kwindima yabo ebalulekileyo yokufundisa ulwimi nesiseko sokufunda nokubhala. Sijolise kwiBanga R ngoba ubungqina bubonisa ukuba isakhono solwimi olusisiseko noluluqilima sixhasa ukufunda okulandelayo ekuhambeni kwexesha. Uphuhliso lolwimi olusisiseko nokufunda nokubhala Ukuze ube nako ukufunda nokubhala, abantwana badinga amathuba okwakha ulwazi lwabo nokuqonda kwizinto ezimbini ezingundoqo: • Izakhono zolwimi (ukumamela, ukuthetha, isigama nokuqonda) • Izakhono ezimalunga nekhowudi (ulwazi lwefonoloji nolwazi lwezandi zonobumba). Kwakhona, abantwana badinga amathuba amaninzi okubona indlela ekusebenza ngayo ukufunda nokubhala, kunye nendlela le imigaqo iza kuboniswa ngayo ngootitshala. Kufuneka bafunde baze bonwabele iincwadi, basebenzise ukuzoba kunye nokubhala okusisiseko besabelana ngezimvo zabo. Inkqubo yethu IStellar inikeza izimvo zethiyori nezenzekayo ukunceda ukwakha ulwimi olutyebileyo eklasini oluxhasa uphuhliso lokufunda nokubhala okusisiseko. Inkqubo iyiliwe emva koko yahlaziywa ngokwengxelo evela kootitshala nabaqeqeshi beBanga R. Imathiriyeli yeklasi kaStellar Esi sikhokelo sooTitshala sesinye seseti yezikhokelo zokufundisa uLwimi lwaseKhaya, ngasinye ‘sibonisa’ ibali elitsha! Isikhokelo sooTitshala ngasinye sinenkqubo yeeveki ezimbini zomsebenzi odityanisiweyo wokufundisa ulwimi lwaseKhaya kwiklasi yeBanga R yonke imihla. Isikhokelo sooTitshala seentlanganiso zabazali siyakunceda ukuba uncedise abazali ekuxhaseni ukufundwa kolwimi ekhaya. Uqeqesho leStellar Uqeqesho lootitshala kwinkqubo kaStellar, kukho iseti yeencwadi zomsebenzi olubonisa zonke izinto ezahlukeneyo zenkqubo ngelixa ungena nzulu ekuqondeni ukubaluleka kwento nganye. Amabali enu Siyayazi ukuba ootitshala banobuchule bokusebenzisa nantoni na efumanekayo kubo. Siyakukhuthaza ukuba wenze utshintsho kwesi sikhokelo ukuze silungele indawo okuyo kunye nezixhobo zomsebenzi ozifumanayo. Xa usiqhela isikhokelo seeveki ezimbini senkqubo kaStellar, uya kukwazi ukusebenzisa ezakho iincwadi zamabali namabali angabhalwanga ncwadini njengeziseko zokufundisa ulwimi nokuphuhla kokufunda nokubhala. Dibana noStella Uza kubona ukuba kukho utitshala okhoyo k
Connected topics
Classification